Uncedo ngeSithuthi (i-Motor Vehicle Assist (MVA)) lwasungulelwa ukubonelela abantu esibamelayo ngeenkonzo ezithe xhaxhe, eziquka ukuhoya onke amalungiselelo ohambo afunekayo ngexesha lokuqhuba kwebango lokonzakala kumntu.
Iqela lethu le-MVA liyayiqonda into yokokuba umonzakalo omandundu ungalishiya ixhoba ligcuma ziintlungu, lingonwabanga, nto leyo enokwenza uhambo lwalo ludine futhi lungonwabeleki. Izithuhti zethu ezikuthatha zikubeke emnyango zintofontofo, zithembekile, kwaye zinesihuhuzi-moya, ziqhutywa ngabaqhubi abanamava abaziqondayo iimfuno zomntu osezintlungwini, ziza kunika umntu esimmelayo ngamnye ukuphola kwengqondo ekumfaneleyo.
Iqela lethu labaqhubi abathembakeleyo – UKevin, uWinslow, uJames, uOwen noJoseph – lasungula le nkonzo yoNcedo lweSithuthi. Bayakuthanda ukunceda abanye abantu kwaye bazinikele ekwenzeni okungaphaya kokulindelekileyo, abaqhubi bethu bakulungele kwaye bayakwazi ukunceda abantu esibamelayo abanawo nawuphi na umonzakala okanye ukukhubazeka, kwaye oko bakwenza ngoncumo.