Ibango lokunzakala
Ibango lokonzakala libango elisemthethweni lembuyekezo ngenxa yokonzakala emzimbeni okubangelwe kukungakhathali okanye okwenziwe ngomnye umntu, yinkampani okanye ngumbuso.
Umonzakalo
Umonzakalo ungenzeka emzimbeni okanye nasemphefumlweni. Oku kuquka oku kulandelayo:
- Umonzakalo weNgqondo noweNtloko
- Umonzakalao wentamo
- Umonzakalo woMnqonqo
- Umonzakalo womqolo
- Umonzakalo wobuso
- Umonzakalo wangaphakathi
- Umonzakalo okhokelela ekuphulukaneni nelungu lomzimba
- Uxinzelelo lwengqondo
- Umonzakalo emphefumlweni emva kokugagana nesiganeko esibuhlungui (PTSD)
- Ukuhlala uxhalabile kwaye udakumbile
Iingxelo zonyango okanye iingxelo zonyango olufunyenweyo ziza kudlala indima ebalulekileyo ekungqineni imeko yomonzakalo emzimbeni ngokunjalo nonobangela.
Ukungakhathali
Ibango lingabakho kuphela xa umonzakalo ubangelwe kukungakhathali komnye umntu. Ingaba umenzi wokugwenxa wenze into ibingenakwenziwa ngumntu oqiqayo, okanye ingaba umntu lowo usilele ukwenza into ebinokwenziwa ngumntu oqiqayo ukuthintela umonzakalo?
Phambi kokuba wenze ibango ukuze ufumane imali yembuyekezo kufuneka ube nobungqina bokuba omnye umntu wenze okugwenxa. Umonzakalo womntu usekelwe ekubeni ingaba kwenzeke into ebekumele ukuba ayenzekanga, yenzeke ngokungakhathali, okanye ibangele umonzakalo/ukufa kwaye ibangele ukuphulukana nokuthile okanye udale iindleko. Nangona kunjalo, ukuba konke oku kugwenxa kungangqinwa, ityala kuthiwa alinasihlahla, ngako ke akusayi kubakho mali ihlawulwayo.
Imali yembuyekezo
Umonzakalo awufumeneyo umntu, ngokunjalo nemali yembuyekezo ayifumeneyo, ayifani kwityala ngalinye. Imali yembuyekezo iquka oku kulandelayo:
- Iindleko zesibhedlele nezonyango esele zenziwe
- Iindleko zesibhedlele nezonyango ezinokwenziwa kwixesha elizayo
- Ukuphulukana nengeniso
- Ukuphulukana nengeniso okunokubakhona kwixesha elizayo
- Omonakalo ngobubanzi weentlungu nokusilela kokuthile.
Umonzakalo okhokelela ekufeni kwexhoba
Nje ukuba umonakalo ukhokelel ekufeni kwexhoba, amalungu osapho angafaka ibango:
- Iindleko zomngcwabo
- Ukuphulukana nekxaso yemali
Abakwa-Adendorff Attorneys, iqela lethu linolwazi nobungcaphephe obufanelekileyo bokumela amaxhoba neentsapho zawo kule miba inzima kangaka. Ukufumana imali akunakuthath’ indawo yento eliphulukene nayo ixhoba, kodwa siyazama ukufumana eyona mbuyekezo ingcono ukwenzela umfaki-bango ukuze akwazi ukwakha ubomi bakhe ngokutsha.